uMEC weSport , uSibulele Ngongo, ugide ngezixhobo zokudlala igalufa eGqeberha kwiveki ephelileyo.
Image: DSRC
Phambi kwendibano ebikhwetywe lisebe leZemidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko ekuxoxwe kuyo iingxaki ezigqubayo kwezemidlalo, iNkokeli yesebe uSibulele Ngongo, utshayelele usuku ngokuxoxa ngophuhliso labantu abatsha abanomdlalo emdlalweni wegalufa. UNgongo ubambe intlanganiso ebalulekileyo eHumewood Golf Club, eGqeberha - apho acaciselwe khona indlela ekungafunqulwa ngayo umdlalo wegalufa ochasele okwelanga ebantwini abamnyama emva kwamashumi amathathu eminyaka enkululeko.
UNgongo ubambe intlanganiso neenkokeli zegalufa eNelson Mandela Bay Metro ngelizama ukunabisa ukudlalwa kwegalufa neminye imidlalo ngabantu abebekade bevinjwa amathuba ngaphambili. Zizinto zokudlala igalufa ezixabisa amashumi amathandathu anesixhenxe amawaka erandi (R67 000) agide ngazo eGqeberha ukuze kuxhamle ulutsha olunomdla kwigalufa.
Akwenzileyo behambisana ngqo nengxoxo engentlalontle emidlalweni ekuxoxwe ngayo entlanganisweni ebishushu ngoMvulo weveki ephelileyo edolophini yaseGqeberha. "Ezi zixhobo ziza kwenza umahluko omkhulu ekuncedeni abangenazo izinto zokudlala igalufa. Sizama indlela yokusebenzisana neHumewood Golf Club ngoba yona ingasincedisa kwiinjongo esinazo," utshilo uNgongo ethetha namajelo eendaba.
Umphathiswa ucinga ukuba igalufa inendima engayenza ekuguquleni intlalo yoluntu ngaphezulu kokuqeqesha abadlali. Owongamele imibutho yegalufa, uKarl du Preez, banayo inkqubo yophuhliso ababambisene kuyo neNelson Mandela University. "Sinabo abadlali abanetalente. Ingxaki esinayo kukuba akukho nkxasomali. Ngumnqweno wethu ukwenza iMpuma Koloni ibe yindawo enamandla kwigalufa.
"Sinethemba lokuba uza kusebenza nathi uRhulumente wephondo. Into esiyidinga kakhulu yindlela yokuthutha abadlali xa besiya emabaleni," utshilo uDu Preez kwiphephandaba laseGqeberha. Ingxoxo ebibanjelwe eholweni elisedolophini yaseGqeberha libhence ukungabikho kwekhonkco lentsebenziswano Phakathi kwabantu noRhulumente.
Related Topics: